ICAMAGU NEWS | 31 EYEDWARHA 2026 KUGOMPO CITY, EMPUMA KAPA
Amawakawaka amalungu ombutho we-United Democratic Movement (UDM) ebehlangene kwisiXeko iBuffalo City kuGompo, City, ngoLwesihlanu umhla wama30 kweyeDwarha 2026 kumgcelele wokuphakamisa inkxalabo ngokunxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo zoluntu.
Ukanti lombutho ukwavakalise ukuxhalaba yintswela ngqesho yolutsha oluneziqinisekiso zemfundo ephakamikeyo. Iirhafu zikamasipala ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini.
Lo mngcelele ubukukhokelwe nguMnu Nqabayomzi Kwankwa, ochazwe ngumbutho we-UDM njengomgqatswa wawo kwisikhundla sikaSodolophu weBuffalo City Metropolitan Municipality. UKwankwa uza ebekhatshwa nguNobhala Jikelele we-UDM, uMnu Bulelani Bobotyane, kunye noMnu Mlimandlela Ndamase, ochazwe ngumbutho njengomgqatswa wawo kwisikhundla sikaSodolophu kuMasipala waseKing Sabata Dalindyebo.

Ukuthatha inxaxheba kweenkokeli ze-UDM kuzwelonke nakoomasipala kubonakalisa ukubaluleka kwale miba kwi-ajenda yezopolitiko yalo mbutho njengoko kusondela unyulo loorhulumente basekhaya olucwangciselwe umhla wesi-4 kweyeNkanga 2026.
UNkwankwa phakathi kwezinto azibeke phambili kukulungiswa kweziseko ezingundoqo, ukuphuculwa kolawulo lwemali kamasipala nokudalwa kwamathuba emisebenzi.
Imifanekiso:: Ithunyelwe
Icamagu News – Apho Amazwi Oluntu Avakala KhonaYour Community, Your Voice














