NguNasiphi Mabusela
Bekubanjwe umsitho wokuphuhlisa nokuxhobisa amanina anomdla kushishino lwentsangu. Lo mcimbi ububanjelwe eMthatha, kwiphondo iMpuma Kapa ngoLwesine waleveki. Lo msitho ubukwabanjwe ngokoyamene nenyanga yokubhiyozela amanina kweli. Ngamanina aliqela aye ahlanganiswa ukuze azokukrotyiswa ngamathuba anokuthi adalwe yimveliso yentsangu. Kulomcimbi amanina aboniswe iindlela zokwenza amachiza entsangu, amafutha enwele kunye nezinye izinto eziliqela..
Abaququzeleli balomcimbi i-Township Cannabis Incubator ((TCI) bathi iphulo eli lenziwa ngokubambisana nenkonzo yophuhliso lwamashishini asakhasayo iSmall Enterprise Development Agency (SEDA), Oomasipala kunye namanye amahlakani. Amanina afundiswe ukwenza amafutha okuthambisa esebenzisa intsangu kunye nawo kukhulisa inwele. Abe ITC bathi bazama ngandlela zonke ukususa ibala elibi lokubona intsangu njengesiyobisi. Intsangu iyakwazi nokusetyenziswa ekwenzeni izitena zokwakha “batshilo abe TCI”