NguLulama kaSozathini
Uluntu lwelokishi yaseMlungisi eKomani lusaxhelekile emveni kokubulawa kabuhlungu kwenkonde ubawo uMlawuli Tata obeminyaka ingamashumi asithoba ananye (91).
Le ngwevu nemvalaphi yayo ikwaBhaca ibikwahlala naseKomani kwindawo esebenzela kuyo njengomnyangi wemveli. Esi sihelegu siqatshelwe ngumkhwenyana walengwevu ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha xeshikweni efika ekhayeni layo. Iingxelo zithi umkhwenyana unkqonkqozile akavulelwa kodwa wabe esiva isandi sikanomathotholo sisitsho ngaphakathi. Ubuyile kwakhona ngosuku olulandelayo emva kokungafumani mpendulo kumnxeba ka tatazala wakhe wachazela abakwantsasana ngakusolayo.
Ethubeni umkhwenyana nabahlali baye bakhaba icango bangena ngaphakathi baze bayifumana lengwevu ihleli esitulweni igqunywe ngengubo. Kuye kwaqatshelwa ukuba unqunyulwe umqala kwaye enawo namanxeba amathathu esiswini. Ngokwengxelo kaMnu Petros Majola kuye kwarhanelwa umzukulwana ominyaka ingamashumi amabini ananye (21) kuba ebekhe wanembambano nalengwevu. Unqakuliwe wavalelwa kamva umzukulwana “utshilo okaMajola.