NguLulama kaSozathini
Amapolisa asaqhuba uphando ngesona sizekabani sokubulawa kabuhlungu kwezithandani eziselula eLibode eMpuma Kapa. U-Oyena Maqwane obeminyaka ilishumi elinesithandathu (16) kunye noSiliziwe Mshiyo obeminyaka ilishumi elinesibhozo (18), badutyulwe babhubha ekuseni ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweYesilimela.
Ngokwengxelo yamapolisa uOyena ufumene umnxeba kuSiliziwe athandana naye nalapho ebemcela ukuba badibane phandle kwekhaya likamfikazi ngentseni yango Mgqibelo. Isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo uthi bekuphakathi kwezithuba zentsimbi yesibini ekuseni (2:10am) ngeli lixa umfikazi afumana lomnxeba, umzimba wakhe wona uzokufunyanwa ngecala emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni (5:30am) udunduluzile unamanxeba okudutyulwa emzimbeni kufutshane nekhaya lakhe. Ngecala emva kwentsimbi yesibhozo kusasa (8:30am) kubuye kwafunyanwa kwakho umzimba wesinqanda mathe sakhe uSiliziwe nawo udunduluzile kude kufutshane apho nawo unamanxeba okudutyulwa. uKapteni Matyolo uthi amapolisa asaphanda kwaye esona sizekabani asaziwa.
Ukanti uluntu lwendawo apho esi sihelegu sehle khona lukholelwa ukuba ukubulawa kwesi sibini kudalwe yingxwabangxwaba yezothando. USodolophu waseNyandeni uCeba uViwe Ndamase uthe bothukile sesi sehlo kuba indawo le sehle kuyo yindawo apho kungekho zixholoxholo zingako. USodolophu uthe bakholelwa ekubeni le yingxwabangxwaba yothando ehamba nomona wesikhwele phakathi. USodolophu uthe amapolisa awafanele kufumana bunzima ekusombululeni elibholo lokubulawa kwesi sibini nanjengoko imeko izicacele. Ukubamba umrhanelwa ngokukhawuleza kuyakuwuthomalalisa umsindo woluntu, kwaye kunqande nokuthathela umthetho ezandleni kwabantu “utshilo uSodolophu”. – @icamagunews