Ngumbhaleli Wethu!
Ekomani – Lusothukile uluntu lakuKomani emva kokubulawa kabuhlungu kukaCeba uXoliseka Bathandwa Lali, obeyintloko ejongene nophuhliso lweziseko ezingundoqo kwanokuhlaliswa koluntu, nobuya abe ngumbhexeshi wombutho we African National Congress (ANC) kwiBhunga loMasipala wase-Emalahleni.
UCeba uLali wanyulwa ngomnyaka ka-2021 njengelungu elimele iANC kwiBhunga loMasipala wase-Emalahleni. Udutyulwe eKomani apho ebehlala khona. Ukubhubha kwakhe kudale usizi olukhulu, ngakumbi kwabo basebenzisana naye ukusukela oko waqala lo msebenzi wokukhonza uluntu.
“Siphantsi koxinzelelo noloyiko ngenxa yesigigaba esingaqhelekanga njengesihlanga sethu. Ukubhubha kukaXoliseka kushiye umngxunya ongazalisekiyo. Ubengumkhokeli othembekileyo, ovulelekileyo, kwaye okwaziyo ukudibanisa abantu ukuba basebenze kunye. NjengomMbhexeshi weBhunga, ubengumntu owenza isiqinisekiso sokuba imisebenzi yeBhunga iqhuba kakuhle ngenjongo yokuphucula impilo yoluntu,” kutsho uSodolophu, uCeba uNontombizanele Koni.
UMasipala uthi ulahlekelwe ligorha ebelizinikele ekukhonzeni abantu, umfo oselula obenomdla wokulungisa imingeni ejongene noluntu lwasekuhlaleni. Ooceba abaye basebenza naye baselusizi, besithi ukungabikho kwakhe kuza kushiya umngxunya ongazalisekiyo kwiqela lolawulo, i-Executive Committee, kunye neTroika.
UMasipala uzibophelele ekuthandazeni kunye nosapho lwakhe, ngelithi kufuneka abenzi besisenzo babanjwe ze baphendule phambi komthetho. Uxhasa imikhankaso yokubanjwa kwabo batyholwa, aze amaphulo okuqinisekisa ubulungisa aqhubeke.
“Sifuna ukubulela eluntwini ngenkxaso yabo, kwaye sicela ukuba banike ithuba losapho ukuze lujongane neli nxeba,” sitshilo isithethi sebhunga, uCeba uNcedisa Mtyobile, othethe egameni leOfisi yeSithethi soMasipala.