NguLulama kaSozathini
USodolophu wase-Buffalo City Metropolitan Municipality (BCMM), uCeba Princess Faku, uqhube utyelelo lokujonga imeko kunye nengxoxo noluntu lwakwa Wadi 31 noWadi 32, apho abahlali bebebandezeleka ngenxa yonqongophalo lwamanzi oluqhubekayo nolungamkelekanga.
Intlanganiso ibibanjelwe ebaleni lemidlalo laseNcera Village 2. Olu tyelelo luyinxalenye yenkqubo yokufumana iinkcukacha ngokuthe ngqo ukuze kusonjululwe iingxaki zonikezelo lweenkonzo kunye nokubuyisela isidima kuluntu oluchaphazelekayo.
“Ndingapha ukuze ndifumane inyani, kodwa nangenxa yokubekwa koxanduva. Abantu bethu bafuna iimpendulo, bafuna ubunkokheli – yile nto ndiyizele apha,” utshilo uSodolophu Faku ethetha nabahlali.
USodolophu ubekhatshwa ngabasebenzi base-BCMM, uMMC Yomelela Tyali, Ooceba bendawo, kunye nabameli be-Amatola Water, abajongene nokubonelela ngamanzi kwezinye iindawo zeMetro phantsi kwesivumelwano sokusebenzisana (MoU).
Nangona kunjalo, uSodolophu Faku ucacisile ukuba amalungiselelo akhoyo kufuneka ahlolwe ngokutsha.
“Abahlali abafuni zizathu okanye abantu abaphakathi – bafuna uSodolophu wabo xa kungekho manzi. I-Amatola Water kufuneka izise izisombululo, hayi ukulibazisa ngakumbi. Njenge-BCMM kufuneka sibe nolawulo olupheleleyo kwiinkqubo zethu zamanzi,” utshilo uSodolophu Faku.

USodolophu ukwathe akonwabanga ngokupheleleyo ngokuxhomekeka kakhulu kwiitanki zamanzi, edibanisa nokungasebenzi kakuhle kweendlela zangaphakathi kunye nokurhanelwa kobundlobongela obujoliswe ekonakaliseni iziseko ezingundoqo.
“Andithandi iitanki zamanzi. Andifuni kuzibona kwakhona eBuffalo City Metropolitan Municipality. Iminyaka eli-13 sihluthwe ngabo ndibabiza ngokuba ‘yiWater Tanker Mafia’. Abanye abantu bavala iivalvu ngenjongo yokudala ingxaki – oko makuphele ngoku,” utshilo ngomsindo.
USodolophu uqinisekisile ukuba uphando malunga nokutshintshwa kweevalvu luyaqhubeka, kwaye uzibophelele ekubeni kuqaliswe ukhuseleko kunye nokubandakanywa koluntu ekukhuseleni izakhiwo, ngakumbi iindawo zokugcina amanzi (reservoirs).
Uphawule ngezicwangciso zokulungisa izakhiwo ezibalulekileyo, ezijolise ekuqiniseni unikezelo lwamanzi kwiindawo ezichaphazelekayo.
Kukho umnxeba omtsha oya kudibanisa iMount Coke, iNcera kunye neChalumna – oza kunceda ukunciphisa uxinzelelo kwinkqubo ekhoyo kwaye wandise ukufikelela kwamanzi.
Okwangoku, umgca osuka eUnit P ukuya eNeeds Camp uyasetyenziswa ukuhambisa amanzi, kodwa i-Needs Camp Reservoir iphantsi koxinzelelo ngenxa yokunqongophala kwamanzi kunye nokurhanelwa kokutshintshwa kweevalvu.
“Masikhusele iindawo zokugcina amanzi size sibuyisele amanzi kubantu bethu. Masihlangane rhoqo kwiiveki ezimbini ukuze sijonge inkqubela. Mna ngokwam ndiza kukhokela eli projekthi,” utshilo uSodolophu Faku.
Izisombululo zexesha elifutshane zibandakanya ukufakwa kwee-stand zamanzi kuluntu ngexesha lokulungiswa kwezixhobo. Kanjalo kuza kwenziwa uphononongo kunye nokulungiswa kwemithombo (boreholes) ethe yaphulwa.
Abahlali bakwacele iinkonzo ezisisiseko ezifana nezindlu zangasese (VIP toilets) kunye nokwabiwa ngokulinganayo kwamanzi akhoyo.
USodolophu ubongoze uxolo, eqinisekisa ukuzibophelela kwakhe ekusombululeni le ngxaki ngokukhawuleza nangokunyaniseka.
“Abacebisi bethu baxinekile kakhulu. Asizukutyhola mntu. Masidibane silungise le ngxaki kunye,” utshilo.
Kucwangcisiwe ukuba kube nohambo lokulandela umkhondo ekupheleni kwenyanga apho uSodolophu oLawulayo eza kubika ngenkqubela kunye nokucacisa amanyathelo alandelayo.
Kuzo kuxhotyiswa iintlanganiso zobugcisa ngeveki kunye neentlanganiso zoluntu rhoqo kwiiveki ezimbini ukuqinisekisa ukuba abahlali bayayazi inkqubela kwaye bayabandakanywa.
“Abantu badiniwe, kwaye andibagxeki. Kodwa siyathanda ukuzisa iinkonzo kuluntu lwethu – kwaye kanye oko siza kukwenza,” wagqiba ngalo mazwi uSodolophu oLawulayo, uCllr Princess Faku.