NguLulama kaSozathini – Imifanekiso: Ithunyelwe
ALICE – UMbutho Wamapolisa waseMzantsi Afrika (SAPS) uqinisekisile ukubonakala okukhulu kwamapolisa kwidyunivesithi iFort Hare e-Dikeni emva koqhankqalazo lwabafundi oluqale ngoMvulo, umhla we-06 kweyeDwarha 2025, malunga nentsimbi yesine kusasa (04h00).
NgoLwesibini umhla we-07 kweyeDwarha, amapolisa abambe abantu abasibhozo (8) abaphakathi kweminyaka engama-22 ukuya kwengama-33 ngenxa yezityholo zobundlobongela esidlangalaleni kunye nokonakalisa amashishini. Abarhanelwa bavele phambi kweNkundla kaMantyi yase-Alice kwaye kulindeleke ukuba babuyele enkundleni ngomhla we-26 kweyeNkanga 2025.

NgoLwesithathu umhla we-08 kweyeDwarha malunga nentsimbi ye-16h30, abafundi nababebonisa ukuqhubela phambili ngoqhankqalazo bangqungana kule dyunivesiti nekwathi kwalandela ngokutsha kwezakhiwo ezibandakanya iSakhiwo soLawulo, iZiko labaFundi, i-Auditorium kunye neZiko le-HIV.
Amapolisa aphendule ngokukhawuleza kwaye asebenzise iimbumbulu zerabha ukuchitha chitha isihlwele esinobundlobongela. Nangona imeko isaxinile eyunivesithi, amapolisa aqhubeka nokujonga ngokusondeleyo ukuqinisekisa ukuba akukho ziganeko zongezelelweyo ezenzekayo. Ukuza kuthi ga ngoku akukho bantu ababanjwe ngokonakaliswa okanye ukutsha kwezindlu.

Ingxelo yamapolisa ibonisa ukuba umfundi omnye kuphela wenzakele emva kokutsiba ebhulorhweni ngexesha loqhankqalazo ngoLwesibini. Ubalekiselwe esibhedlele apho efumene unyango.
Ngexesha loqhankqalazo, abafundi babambe abasebenzi bokhuseleko abane (4) ngaphakathi kwisakhiwo, kodwa amapolisa akhawuleze angena kwaye abakhulula kwangethuba.

Kwandiswe amapolisa nazakuqhubeka nokuqinisekisa uzinzo kunye nokubuyiselwa kolungelelwano. UMbutho wamapolisa (SAPS) uqinisekisa ukuba amatyala avuliweyo aza kuphandwa ngokunzulu kwaye ucela nabani na onolwazi malunga nokutsha kwezindlu ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa sase-Alice okanye atsalele iSAPS Crime Stop ku-08600 10111.