NguLulama kaSozathini – Icamagu News, Umfanekiso: Push Coalition USA
U-Jesse Jackson, inkokeli ebalulekileyo kumzabalazo wamalungelo oluntu eMelika nowadlala indima enkulu kwezopolitiko ze-Democratic Party ukusukela ngeminyaka yoo-1960, usweleke eneminyaka engamashumi asibhozo anesine (84).
Usapho lwakhe lukhuphe ingxelo ethi: “Utata wethu ebengumkhokeli okhonza abantu – hayi kusapho lwethu kuphela, kodwa nakubacinezelweyo, abangenazwi nabangahoywanga kwihlabathi liphela. Sabelane ngaye nehlabathi, yaye ihlabathi laba yinxalenye yosapho lwethu olwandisiweyo.
Ukholo lwakhe olungagungqiyo kubulungisa, ukulingana nothando lukhuthaze izigidi zabantu. Siyacela kuhlonitshwe ilifa lakhe ngokuqhubeka nomzabalazo wexabiso awayeliphila.”Akukhange kuchazwe unobangela wokubhubha kwakhe.
UJackson wayephila nesifo esinqabileyo esibizwa ngokuba yi-progressive supranuclear palsy (PSP) iminyaka engaphezu kweshumi. Ekuqaleni wayefunyaniswa enesifo i-Parkinson, waza kwakhona walaliswa esibhedlele kabini ngenxa yeCovid kwiminyaka yakutshanje.UJackson wayesondelelene kakhulu no-Martin Luther King Jr., inkokeli eyaziwayo yomzabalazo wamalungelo oluntu.
Emva kokuyeka okwethutyana izifundo zakhe zobuKristu, wagxila kumsebenzi wombutho i-Southern Christian Leadership Conference (SCLC), apho wakhokela inkqubo iOperation Breadbasket eyayijolise ekuphuculeni amathuba ezoqoqosho kubantu abamnyama. Ngo-1967 waba ngumlawuli kazwelonke wale nkqubo, waza wangumfundisi ngokusemthethweni kunyaka olandelayo. Ngo-4 Epreli 1968, uJackson wayekho xa uKing wadutyulwa wabulawa e-Lorraine Motel eMemphis, eTennessee. Eso sehlo sashiya amanxeba entliziyweni yakhe ubomi bakhe bonke. Wayehlala esithi ukubulawa kukaKing kwaba yintlungu engapheliyo.
Emva kokusweleka kukaKing, uJackson waqhubeka nomsebenzi kwiSCLC de kwangowe-1971 xa waseka umbutho wakhe, iPeople United to Save Humanity (Push), ngenjongo yokuphucula imeko yezoqoqosho yabantu abamnyama. Lo mbutho wawuqhuba iinkqubo zokufunda, uncedo lokufumana imisebenzi, kunye noxinzelelo kwiinkampani ukuba ziqeshe abaphathi nabalawuli abamnyama.
Ngo-1984, uJackson wazigqatsa kunyulo lobu mongameli phantsi kweDemocratic Party, waba ngumntu wesibini omnyama ukuqhuba iphulo likazwelonke emva kuka-Shirley Chisholm. Nangona engazange waphumelela kodwa waba nenkxaso enkulu.
Waphinda wazama kwakhona ngo-1988, kodwa woyiswa ngu-Michael Dukakis, nowathi kamva woyiswa kunyulo jikelele ngu-George H. W. Bush.Kunyaka ka-2000, owayenguMongameli waseMelika ngelo xesha, u-Bill Clinton, wamnika imbasa ephezulu yabemi, iPresidential Medal of Freedom, ngenxa yeminyaka yakhe emininzi esebenzela ukwandisa amathuba kubantu bebala.
Ngexesha elingaphezulu kwesiqingatha senkulungwane, uJackson waqhubekeka nokuba yinxalenye ephambili yomzabalazo wamalungelo oluntu kwihlabathi, ukusukela kwixesha likaKing ukuya kwixesha lokunyulwa kuka-Donald Trump kunye nokunyuka kombutho i-Black Lives Matter.UJackson ubesoloko egxininisa ukuba ubulungisa abuzenzekeli, kodwa bufuna umzamo oqhubekayo.
Ubekholelwa ekubeni umgca wembali ujika uye kubulungisa, kodwa abantu kufuneka bawutyhale ukuze uguqe.Ukusweleka kwakhe kushiya ilifa elinzulu kumzabalazo wokulingana, ubulungisa nothando, eMelika nakwihlabathi liphela.














