NCERHA, KUGOMPO ** — Abahlali baseNcerha Village bakhala ngesimo esibi esidalwa zizinja zohlobo lwepitbull ezijikeleza zingalawulwa, zisoyikisa uluntu mihla le.
Abahlali bathi ubomi babo bujike baba kukoyika, njengoko ezi zinja zigquba ezitalatweni zingabotshelwanga, zisukela abantwana, zoyikisa abantu abadala, kwaye zihlasele nezinye izilwanyana.
Inkokeli yoluntu, uMnu Mlungiseleli Sekeni, uthe bazamile kuqala ukulungisa lo mba ngoxolo.“Saye saya kubanikazi bezinja sabacela ukuba balawule izilwanyana zabo,” utshilo uSekeni. “Asinangxaki nabantu abanemfuyo, kodwa ukhuseleko loluntu kufuneka lube yeyona nto iphambili.”
Nangona kunjalo, abahlali bathi akukho lutshintsho lubonakalayo.UNomvula Gxowa, ongumhlali wale ndawo, uthe abantwana abasakwazi nokudlala ngaphandle:“Abantwana bethu abasakwazi nokuphuma bayokudlala. Ezi zinja ziyabasukela, zibakhonkotha ngamandla. Sihlala sinesoyikiso sokuba kunokwenzeka into embi.”Omnye umhlali, uthe le ngxaki sele ingaphezu kokuphazamisa nje:“Ebusuku ezi zinja ziyajikeleza, ziyalwa, zingena nasezindlwini zabantu. Asisakwazi nokulala ngoxolo. Siziva ngathi sivalelwe ezindlwini zethu.” Ukanti kwesinye isiganeko inkwenkwana iye yabhubha emva kwamanxeba ewafumane ngokulunywa yinja.
UNksk Thandiwe Marhonga, ongumhlali omdala, uthe:“Siyoyika ukuhamba siye ezivenkileni okanye sityelele abamelwane. Ezi zinja azithembekanga.Sifuna uncedo ngokukhawuleza.”Ngenxa yokungaphumeleli kwezi nzame, uluntu luye lwafuna uncedo kwi-SPCA (Society for the Prevention of Cruelty to Animals), ukuze kungenelelwe kule meko.UMnu Sekeni uthe banethemba lokuba i-SPCA iza kuthatha amanyathelo:“Sifuna abanini bezinja bathathe uxanduva. Ezi zinja kufuneka zibotshelelwe, ziqeqeshwe, kwaye zigcinwe kakuhle. Asinakuphila ngolu hlobo.”
Abahlali bathi balindele amanyathelo acacileyo, aquka ukuhlolwa kweendawo ezihlala izinja, ukuthathwa kwezinja ezinobungozi, kunye nokunyanzeliswa kwemithetho yolawulo lwezilwanyana.Okwangoku, uloyiko luqhubeka eNcerha Village, njengoko uluntu lukhala lufuna ukhuseleko nokubuyiselwa koxolo.














