Ibhalwe nguLulama kaSozathini, 03 EyeKhala 2026
USodolophu oyiNtloko kuMasipala waseKing Sabata Dalindyebo (KSD), uNyaniso Nelani, uzirhoxisile okwethutyana ekuphumezeni imisebenzi yakhe, kulindeleke ukuba kugqitywe inkqubo yezomthetho ejongene naye enkundleni.
Oku kulandela ukubonakala kwakhe okwexeshana kwiNkundla kaMantyi eMthatha ngomhla wama-30 kuJuni, apho ajongene nezityholo zobuqhetseba.
Kwingxelo ekhutshwe ngoLwesine, uMasipala uchaze ukuba kufuneka kuqatshelwe ukuba uNelani akazange avele enkundleni ngezityholo zorhwaphilizo, njengoko bekuxelwe kwezinye iindaba zopapasho.
Ingxelo ithi ukubonakala kwakhe enkundleni kunxulumene nezityholo ezamangalelwa yena nabanye emva komsitho wokuphehlelelwa kwesibhengezo sonyulo se-ANC ngo-2024 eThekwini. Emva kokuphuma enkundleni, uNelani wafaka isicelo esibhaliweyo kubunkokeli be-ANC kummandla, echaza isigqibo sakhe sokuzirhoxisa okwethutyana emisebenzini yakhe esemthethweni.
Lo manyathelo, ngokutsho kwengxelo, athathelwe ingqalelo ukuze inkqubo yezomthetho iqhube ngaphandle kokuphazamiseka, kwaye kukhuselwe isidima seOfisi kaSodolophu oyiNtloko. UMasipala uqinisekise abahlali kunye nabachaphazelekayo ukuba iinkonzo ziya kuqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka, kwaye iinkqubo ezifanelekileyo zangaphakathi nezopolitiko ziya kulawula naziphi na izilungiselelo zexeshana apho kufanelekileyo.
Kwangaxeshanye, uMasipala waseKSD uthe uzibophelele kubunkokeli obunesidima, uxanduva, kunye nokucaca, kwaye lo mba uphathwa liBhunga ngokusebenzisa iKomiti yeZimilo.
Ingxelo iphinde yagxininisa ukuba nangona ezi zityholo zinzima zijolise nakwabanye abasebenzi bakamasipala, umgaqo wokuba umntu akanatyala de agwetywe yinkundla uya kusetyenziswa.
UNelani uthe: “Isigqibo sam sokuzirhoxisa okwethutyana ndisithathe ngenjongo yokukhusela umdla wabantu baseKSD, uMasipala, kunye nesidima seofisi endiyinikwe ukuba ndiyikhonze. Ndinethemba kwinkqubo yezomthetho, kwaye ndiza kuqhubeka ndisebenzisana ngokupheleleyo de lo mba ugqitywe.”
UMasipala ucele uluntu ukuba lunike inkundla ithuba lokuba inkqubo yayo iqhube ngaphandle kongenelelo.














