Ivenkile yenyama eqhotsiweyo uKFC eKomani, isematheni emva kokugxotha abasebenzi ngenxa yokuba bengakwazanga ukwenza umyinge obekiweyo kwimali yesisa yabantwana
28 EyoKwindla 2024
NguLulama ka-Sozathini
Ukuva umsebenzi wendawo yenyama eqhotsiweyo uKentucky Fried Chicken (KFC) edomboza ecela i-R2 yabantwana sele kuyinto eqhelekileyo kuzo zonke iivenkile zabo. Ukanti okuvakeleyo kutsha nje kukuba xa ivenkile nganye ithe ayewenza umyinge omiselweyo weziponti, abo basebenzi babandakanyekayo bayagxothwa.
Kutsha nje abasebenzi balevenkile eKomani bebebambe uqhankqalazo emva kokugxothwa koogxa babo ngenxa yokuphanza ukuqokelele iiponti zabantwana abazimbhedlenge ngokomyinge omiselweyo.
Le venkile kwi website yayo ithi eziponti xa zihlanganisiwe kunye nomrhumo wayo zondla abantwana abangaphaya kwezigidi ezingamashumi amathathu kwaye oko kuzisa ikamva eliqaqambileyo kubantwana abalahlekelwe lithemba. Ingaba kengoku oku ukuthetha ukuba yonke lento mayibe sisinyanzeliso, ukuba akunjalo bagxothelwani abantwana babantu?
Abaphathi balenkampani abavumanga ukuphawula ngoqhankqalazo kodwa babuye kamva bakhwebela abasebenzi kwisithebe sengxoxo, ngelinge lokuzama ukusombulula imbambano ekhoyo phakathi kwabo naba basebenzi.
@icamagunews.