ICAMAGU NEWS | 19 EyeNkanga 2026 RICHMOND, KWAZULU-NATAL: Imifanekiso: Ithunyelwe
Iqela uMkhonto weSizwe (MK Party) lifumene izikhundla ezintathu eziphezulu kubunkokeli bukaMasipala waseRichmond, kwiphondo laKwaZulu-Natal, emva kokonyulwa kukaSodolophu, uSekela Sodolophu kunye noSomlomo webhunga elitsha lalo masipala.Oku kwenzeke ngoLwesithathu, umhla we-18 Novemba 2026, ngethuba kubanjwe umsitho wokufungiswa kwamalungu ebhunga amatsha eRichmond Sports Complex.Lo msitho ubuzinyaswe ngabahlali, iinkosi zemveli, amagosa aphezulu karhulumente kunye nabameli bemibutho eyahlukeneyo.
Amalungu ebhunga amatsha afungiswe phambi kwejaji ebichophele lo msitho, apho azibophelele ekusebenzeleni uluntu ngokunyaniseka, ngentembeko nangokuhlonipha uMgaqo-siseko woMzantsi Afrika.
Emva kokufungiswa kwamalungu ebhunga, kuqhutywe inkqubo yokonyulwa kweenkokeli ezintsha zikamasipala.Izikhundla eziphezulu zonke zikumbutho weMK Party nanjengoko iphumelele ngesininzi kuloMasipala. Zime ngoluhlobo:- **USodolophu:** Cllr Reginald Ngcobo (MK Party)- **USekela Sodolophu:** Cllr Joyce Ndleleni (MK Party)- **USomlomo weBhunga:** Cllr Derrick Thompson (MK Party).

UMphathiswa weSebe loLawulo lweNtsebenziswano kunye neMicimbi yeeNkokeli zeMveli (COGTA) KwaZulu-Natal, uMfundisi Thulasizwe Buthelezi, obesisithethi esiphambili kulo msitho, ubongoze iinkokeli ezintsha ukuba zibeke iimfuno zabahlali phambili.UButhelezi ugxininise ingxaki yokunqongophala kwemisebenzi kulutsha lwaseRichmond, esithi ibhunga elitsha kufuneka libeke phambili ukudalwa kwamathuba emisebenzi, ukuphuculwa kweenkonzo zikamasipala kunye nokuxhotyiswa kolutsha.Ukwabongoze amalungu ebhunga ukuba asebenze ngokuzimisela ekuphuculeni ubomi babahlali, ngaphandle kokujonga imibutho yezopolitiko abayixhasayo.
Umasipala ukwabhengeze amagama amalungu ebhunga aza kuwumela kuMasipala weSithili saseMgungundlovu.La malungu ngala:- Cllr Sizwe Khuboni – MK Party- Cllr Khonziwe Mkhize – African National Congress (ANC). Aba Ceba kulindeleke ukuba baqinisekise ukuba iimfuno zophuhliso lwaseRichmond ziyafikelela kwinqanaba lolawulo lwesithili.
Kwingxelo ekhutshwe licandelo lezonxibelelwano likaMasipala waseRichmond, umasipala uvuyisene neenkokeli ezintsha kunye nawo onke amalungu ebhunga afungisiweyo.Umasipala uthe uzimisele ukusebenzisana nabahlali, iinkosi zemveli, oosomashishini kunye namasebe karhulumente ngenjongo yokuphucula iinkonzo nokwakha intembeko phakathi kukarhulumente wasekuhlaleni noluntu.Ukonyulwa kobu bunkokeli butsha kuvula isahluko esitsha kulawulo lwaseRichmond, apho abahlali baza kulindela ukubona utshintsho olubonakalayo ekuphuculweni kweenkonzo, ekudalweni kwemisebenzi nakuphuhliso loluntu.
ICAMAGU NEWS – Apho Amazwi Oluntu Avakala Khona.Umthombo: Ingxelo kaMasipala waseRichmond, 18 Novemba 2026.














