Ibhalwe yi-Icamagu News | 21 EyeNkanga 2026 ePitoli –
UMongameli obambeleyo weli, uPaul Mashatile, uvakalise umothuko nosizi olukhulu emva kokufumana iindaba zokusweleka kowayesakuba nguSekela Mongameli woMzantsi Afrika, uNksz Phumzile Mlambo-Ngcuka.
Ngokwengxelo ekhutshwe yiOfisi kaMongameli ngorhatya lwangoLwesihlanu, umhla wama-20 kweyeNkanga 2026, uMlambo-Ngcuka ukhe wasebenza njengoSekela Nobhala-Jikelele weZizwe eziManyeneyo, ekwangumlawuli olawulayo we-UN Women.
UMlambo-Ngcuka waziwa ngegalelo lakhe elikhulu ekuphuhliseni uluntu, ekulweleni amalungelo abantu basetyhini nasekukhuthazeni ukulingana ngokwesini ehlabathini jikelele.UMashatile udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwaMlambo-Ngcuka, egameni likaMongameli uCyril Ramaphosa, urhulumente nabantu boMzantsi Afrika.
IOfisi kaMongameli ithe iinkcukacha ezithe vetshe ziza kubhengezwa emva kokubonisana nosapho.Usapho lucele ukuba lunikwe ithuba lokuzila ngoxolo, lukwavakalisa umbulelo ngemiyalezo yovelwano eqhubekayo ukuthontelana ivela kubemi boMzantsi Afrika nakumazwe ngamazwe.
Icamagu News – Apho Amazwi Oluntu Avakala Khona.














