19 eyoKwindla 2024
NguLulama kaSozathini
Umphathiswa woshishino loluntu Umnu Pravin Gordan ucele abasebenzi benkonzo yophapho yeli -iSouth African Airways (SAA) ukuba bathobe idyudyu ngakumaxhala okuba lenkonzo izakubhanga. Oku kulandela isibhengezo seveki ephelileyo sokupatyalaka kwesigqibo phakathi kwalenkonzo nenkampani i-Takatso Consortium. I-Takatso le yaba yinkampani eyaphumelela isicelo sokuthenga lenkampani ngamashumi amahlanu ananye eerandi R51.00 kwiminyaka emithathu edlulileyo. Oku kwadala isankxwe kubemi beli loMzantsi Afrika kuquka namaqela ezopolitiko. Le nkampani kwakulindeleke ukuba ifake iibillion ezintathi zeerandi kodwa akuzange kubenjalo.
Oka Gordan uthi eyona nto iphambili kurhulumente kukuqinisekisa ukuba u-SAA wenza ingeniso eyaneleyo ukuze akwazi ukuhlawula ingeniso kwimali etyalwe ngurhulumente kulenkonzo. Lenkonzo kumele yakhiwe oko kutsha ukuze ikwazi ukuzimela ngaphandle kokucela ukubonelelwa nguRhulumente. U-SAA akayindawo, u-SAA uzakukhula, u-SAA uzokwanda utshilo okaGordan. Umphathiswa ulebele ngelithi lenkampani yophapho ibinazo iingaxi eziliqela nezidalwe lurhwaphiliso nempatho egwenxa. Umphathiswa uthe luza kusitshulwa neengcambu urhwaphiliso ukuqinisekisa ukuba lenkampani ibuyela kwimeko yayo eyabe intle ngaphambili. Kungako sicela unyamezelo nentsebenziswano utshilo uMphathiswa.