24 EyoKwindla 2024
nguLulama ka-Sozathini
Indoda eneminyaka engamashumi amathathu (30) yaseNelspruit eMpumalanga isinde cebetshu emva kokuba izigwinta ezintandathu (6) zimongamele ngexesha ehamba endleleni zaze zamnqumla iizandla zakhe zozibini ekuseni ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini (20) kweYokwindla.
Ngokwengxelo lamadoda nebahamba ngesithuthi sohlobo lwe Opel Corsa Bakkie ebesiza emveni kwakhe amgubungele ngelixa ebehamba kwindlela i-Kroomdraai eVosman ngase Witbank. Lamadoda akhombe ixhoba ngomkhonw’ ekati alinyanzelisa ukuba likhwele kwisithuthi eso aze alibopha iingalo nemilenze. Ixhoba lithi lamadoda athe aza kulibulala.

Lamadoda aqhube isithuthi eso ayakufika kwindawo enamatyholo nalapho bafike bamnqumla iizandla zakhe zozibini baphel’ emehlweni nazo bemshiya egcuma ziintlungu. Ixhoba liye lancedwa ngunogada kwindawo ekufutshane apho. Amapolisa nabenkonzo yohlangulo baye bafika ngokukhawuleza emva kokubizwa ngunogada. Ixhoba liye labalekiselwa esibhedlele.
Isithethi samapolisa uDetective Lieutenant Colonel Muntu Mbatha uthe baqhuba uphando kwaye bavule ityala lokuzama ukubulala. Ukwacele nabani na onolwazi ukuba aqhagamshelane namapolisa akufutshane naye. Kwelinye icala uMkomishinala wamapolisa kwiphondo iMpumalanga uLieutenant General Semakaleng Daphney Manamela ufunge wamunc’ intupha ukuba abenzi besi senzo bazakulicula elandincamisayo kwaye abazokulala obuhlayo ze zifunyanwe ezi zikrelemnqa.