Umbhaleli wethu
Umbutho iEconomic Freedom Fighters (EFF) namhlanje ubhiyozele iminyaka engamashumi asibhozo anesibhozo (88) okuzalwa kongasekhoyo umama Winnie Nomzamo Madikizela-Mandela. I-EFF ichaze eligqala njengenina elingazange lathengisa ngomzabalazo kwaye engazange wanikezela ngesizwe sakhe koongxowa-nkulu naku rhulumente wocalacalulo.
I-EFF ithi uMama uNomzamo wayimela inyaniso kwade kwaba zintsuku zakhe zokugqibela emhlabeni. uMama akazange avume ukunikezela ngexesha urhulumente wocalucalu emtshutshisa koko wasuka waqina nangakumbi ekuzinikeleni kwinkululeko yomntu omnyama “baqhube batsho abeEFF”.
Umama Winnie uyakusoloko ekhunjulwa njengegqala lomzabalazo elingagazange lalibala ngokubuyiselwa komhlaba kweli. Siyakuqhubeka siphakamisa igama lakhe kwanokuthatha uxanduva lokuthatha apho washiya khona. Ekumkhumbuleni kwethu kumele sizibophelele kwimbono zakhe. Angekhe sivumele uRamaphosa neDA bacime okwakumelwe nguMama “batshilo abeEFF”.
@icamagunews