NguSisanda Jack
UMasipala wesixeko esimbaxa i-Buffalo City ulumnkisa abahlali ngomoya obhudlayo olindeleke ezinzulwini zobusuku ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha ukuya kowamashumi amabini anesibhozo (28 kweyeThupha). Lo Masipala uthi amagosa eenkonzo zikaxakeka ama ngomumo elindele nantoni na enokwehla nanjengoko lomoya uchazwe njengowonakalisayo.
Isithethi sikaMasipala uMnu Samnkelo Ngwenya uthi lomoya ukhatshwa ngamaza alwatyuza ngamandla kwaye kulindeleke ukuba udale umononakala kwindawo zogibityholo kwaneminye imimandla yokuhlala kwisixeko. OkwaGwenya ukwathe okwangoku akukho malwandle avaliweyo kwesi sixeko ngaphandle kolwaseEastern Beach oluvalwe isithuba sexesha elingachazangwa ukusukela izolo. Abahlali bayacelwa ukuba baqaphele imiqathango ebekwe yinkonzo yemozulu kweli