Kwenziwe inkqubela ebalulekileyo kuphando malunga nokudutyulwa okubulalayo kuka-Anda “Peach” Mlondleni, oneminyaka engama-32 ubudala kwisiXeko sakuGompo.
Amapolisa aqinisekisile ukubanjwa komrhanelwa onxulunyaniswa nokubulawa kwakhe. Umrhanelwa ufunyanwe enamakhohlombe eembumbulu neempahla ezifaniswa nezo bezinxitywe ngumrhanelwa ngexesha edubula ebulala lo kaMlondleni.
UMlondleni, 32, ebesebenza kwinkampani yezokhuseleko eseBerea KuGompo ukusukela ngomnyaka ka2024, ngokutsho kosapho lwakhe. Usapho lwakhe luqhube lwathi, uMlondleni uye wanqunyanyiswa yile nkampani ngomhla wokuqala kule nyanga yeKhala kulo nyaka. Ngomhla wesibini uye wabizelwa kwinkqubo yokuxoxwa kokunqunyanyiswa kwakhe.
Usapho lukwathe uMlondleni ufumene umnxeba kule nkampani ngezithuba zentsimbi yesibhozo ngoMvulo wale veki. Akucaci ukuba ebebizelwa ntoni kodwa usapho luthi uphinde watsalelana nabo emva kwento engaphaya kweyure esithi uyigqibile ebeyibizelwe.
AmaPolisa athi uMlondleni udibene nendoda enye neye yamdubula isithonga esinye wawa. NgokwamaPolisa, le ndoda iphinde yamdubula izithonga ezibini sele isondele kakhulu kuye.
UMlondleni ubhubhele kwindawo yexhwayelo, eshiya usapho lwakhe luxhelekile. Kwingxelo eluyikhuphe ngoLwesibini, usapho lukaMlondleni lumemezele ubulungisa ngokubhubha kwakhe.














