nguLulama kaSozathini
Imifanekiso: Ithunyelwe
Umphathiswa wamapolisa kweli uMnu Senzo Mchunu ukuqhwabele izandla ukubhaqwa kowona mzi-mveliso weziyobisi wakhe wamkhulu kweli. Oku kusemva kokuba amapolisa aseLimpompo kunye noKhetshe (Hawks) beqhube ugqogqo kwifama eseGroblersdal ngomhla weshumi elinesithoba (19th) kule yeKhala.
Kolugqogqo kubanjwe isine (4) kuquka nomnikazi wefama apho lomzi mveliso ukhoyo. Ukanti kwabo babanjiweyo kukwakho nabemi belizwe laseMexico ababini.

Iingxelo ziqhuba zithi amapolisa aye ahletyelwa ngemigushuzo engaqhelekanga kulefama aze ahlanganisa igqiza lochwepheshe eliye laqhuba uphando. Ekufikeni kwawo kulefama amapolisa aqhube ugqogqo aze abhaqa amachiza asetyenziswa ukwenza iziyobisi. Ziziyobisi ezifana ne”Crystal” Meth kunye ne “Acetone” eziye zafunyanwa nezixabisa ngaphezu kwebhiliyoni ezimbini zeerandi xa zithengiswa ezitalatweni.

Eliqela likhethekileyo lamapolisa lizingombe isifuba ngempumelelo yalo yokubhaqa iimizi mveliso enje engamashumi amathathu anesine (34) oko uqalile lonyaka. Kulindeleke ukuba abarhanelwa bavele kwinkundla kaMantyi yaseGroblersdal ngalentsasa.
@icamagunews