Editorial Opinion
Ilizwekazi lase Afrika likhwanqiswe yimigushuzo eqhubeke kwilizwe laseKenya. Le migushuzo ikhokelwe lulutsha kwaye igxile ekuvakaliseni ukungoneliseki ngumthetho obuphakanyiswa malunga nemiba ejongene nezimali kweliya lizwe (Finance Bill). Lo mthetho ubuphakamisa ukuba kunyuswe irhafu kwizinto ezifana namafutha eenqwelo, iimveliso, iizinto ezithunyelwa kumazwe angaphandle nezinye. Eli nyathelo livuse umnyele kubemi bela lizwe, nekukhokelele kuqhankqalazo nemigushuzo eliqela.
Emva kwemingcelele eyaye ihlelelwe ukulwisana nalomthetho, ulutsha luye lwakhetha ukuthathela ezandleni zalo le migushuzo ukuze linyanzelise uRhulemente walo ukuba aphulaphule izikhalazo zabantu. NgoLwesibini waleveki imigushuzo ebikhokelwa lulutsha imbonzeleke kwipalamente yela lizwe yadala udulubhentsu kwizakhiwo zayo. Umongameli uWilliam Ruto kuye kwanyanzeleka ukuba atyale amapolisa namajoni ukuzama ukugcina ucwangco.
Iingxelo zamajelo eendaba zithi kubhubhe abantu abalishumi elinesithathu (13) kulemigushuzo kwaze kwenzakala amakhulukhulu abaqhankqalazi. Le migushuzo iye yaphumelela ukunyanzelisa uRhulumente weliya ukuba awurhoxise lomthetho. Ethetha nonondaba uMongameli Ruto uye wathembisa ngokubamba uthetha thethwano nabaququzeleleli boqhankqalazo olo. Ukanti ngoLwesihlanu ulutsha lweliya luphinde lwavakalisa ukuqinisa uqhankqalazo lwalo ngokuthi lithi lo kaRuto makalahle esikhundleni sakhe kuba woyisakele.
Iinkokheli zaseAfrika
Inkxalenye yeenkokheli zaseAfrika zitshone zwaba kubuqhophololo, urhwaphilizo kwanokulawula ngegqudu. Amazwe amaninzi eAfrika ajongene nentlupheko ngeli lixa iinkokheli zona zinabele ebhotolweni. Ukungazinzi kwemeko yoqoqosho kumazwe eliqela eAfrika kudala intsokolo nentlupheko kubemi beli lizwekazi abakwizigigidi. Nangona kunjalo uluntu lusaqhubekeka luvotela ongxow’ ayibotshwa khona ukuze baqhubekeke nongcikivo lomntu ontsundu. Ulutsha kengoko bekufanele ukuba lulo olukhokela iinguqu ngokuthi luthathe inxaxheba ekutyumbeni iinkokheli ezingenachaphaza lwarhwaphilizo.
Isifundo kwilizwe laseBurkina Faso
Kwiminyaka emibini edlulileyo eli lizwe laye lagutyungelwa lubhukuqo olwalukhokelwa nguKapteini womkhosi weliya u-Ibrahim Traore nowathembisa ukubuyisela ela lizwe kwimeko yolawulo lwentando yesininzi kwanokumisela inkqubo yezoqoqosho nalapho abantu beliya lizwe bazakuxhamla khona. Nangona nje ingenakukhuthazwa inkqubo yobhukuqo kodwa kuninzi ekunokufundwa kwindlela lo kaTraore aligiqule ngayo eliya lizwe kwisithutyana nje seenyanga ethabethele kuye ulawulo. Okufuneka kuqwalaselwe kukuba lo kaTraore usemtsha kwaye uneminyaka nje engamashumi amathathu anesithandathu (36). Xa kungoku ilizwe laseBurkina Faso lelinye eliphala phambili ngezimbiwa futhi likwimeko ezinzileyo ngokwezoqoqosho, emva kokumisela imiqathango eqinisekisa ukuba abemi beliya bayaxhamla kwimveliso yabo.
Ulutsha eMzantsi Arika
Kutsha nje eli lizwe liphuma kuvoto olubonakalise ukwehla kwamandla ombutho olawulayo iAfrican National Congress (ANC), oku kudale ukuba xa kungoku kuthethwe ngokuseka urhulumente wobumbano. Kuyakhwanqisa ukungeva zingqi zabantu abatsha malunga nokuba yintoni abayifunayo ngelizwe labo. Umbutho i-Economic Freedom Fighters (EFF) nothatyathwa njengowona mbutho unabantu abatsha abaninzi kweli, ubonakele ukwindawo yesine(4) ngokwencukacha manani ezikhutshwe yikomishoni yonyulo kweli i-IEC emva kovoto luka 2024. Ingaba oku kusichazela ntoni ngolutsha lwethu?
Iincukacha ezikhutshwe yiofisi yobalo loluntu kweli (Stats SA) zibonisa ukuba ulutsha olungaphakathi kweminyaka eyi15 – 34 kweli lungaphezu kwezigidi ezingamashumi amabini (20.4 Million) okanye amashumi amathandathu anesithathu ekhulwini (63.3%) yoluntu lweli loMzantsi Afrika. Oku kuchaza mhlophe ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uMzantsi Afrika lilizwe labantu abatsha.
Okufuneka ulutsha lweli luzibuze kona kukuba ingaba lwenzani ukuguqula imeko ntlalo kweli lizwe. Ingaba ulutsha lwenzani ukuqinisekisa ukuba luthatha inxaxheba kulamabakala alandelayo:
- Ulawulo nobukhokeli
- Amabango Omhlaba kweli
- Uhlumo noqoqosho
- Ukhuselo, ukhuseleko nogcino-cwangco
- Ukudala amathuba engqesho
- Ukuphelisa Intlupheko nentsokolo
- Ezempilo nentlalontle
- Ubulungisa
Iizifundo kulutsha lwaseKenya
Ulutsha lweliya lizwe lusebenzise ithuba elinalo ukubonakalisa ubunganga balo nanjengoko ililo olusisininzi kweliya, ekutheni lwanele yingcikivo nentlupheko kwaye lufuna ubomi obungcono. Ulawulo olugwenxa luyaqhubeka kumazwe aliqela kweli lizwekazi kwaye amatyeli amaninzi izigqibo ezithathwa zinkokheli azithethi nto ngokuphuhlisa abantu abatsha. Akukho zicwagciso zicacileyo zakunceda ulutsha ukuba luphuhle kwezoshishini noqoqosho. Iibanki zeli zisabeka imiqobo ekuxhaseni abantu abatsha ngemali (Capital) yokwazi ukuqala amashishini. Akukho mgaqo ucacileyo malunga nezibonelelo zezindlu kubantu abatsha, kungako ulutsha lugcwele kwizindlu eziqeshisayo.
Ulutsha kengoko lwaseMzatsi Afrika xa lumanyene lungakwazi ukwenza utshintsho kwizinto eziliqela ezingahambi ngendlela kweli. Ulutsha lulo olunako ukukhulula abemi beli kumatyathanga engcinezelo ngokwezoqoqosho. Xa ulutsha luthe lwavuka emqandeni ilizwe liyakuthi lizinze.
NguLulama kaSozathini – Umhleli Omkhulu – Icamagu News