NguLulama kaSozathini
Inkonzo yezothutho kweli iPassenger Rail Agency of South Africa (PRASA) ivakalise ukuba izakurhuma ngeenkonzo zikaloliwe kubalandeli bomdyarho iBerlin November. Le yintsebenziswano phakathi kwabaququzeleli balomnyhadala iLegends Gaming Promotions kunye nalenkonzo.
Lo mnyhadala uzakubanjwa ngomhla wamashumi amathathu kule yeNkanga. Ukuzama ukunqanda uxinzelelo lwabantu abaya kulomnyhadala uPRASA uzakurhuma ngenkonzo kaloliwe osuka eMonti usiya eNtabozuko ngomhla womcimbi. Lo loliwe uzakusuka kusasa ngemizuzu elishumi elinesihlanu emva kwentsimbi yeshumi (10:15 AM) ukubuya ngentsimbi yeshumi elinanye ezinzulwini zobusuku (23:00). Isithethi sikaPRASA eMpuma-Kapa uMimi Katsio uthe lo loliwe uzakulungiselelwa kuphela abo banamatikiti okungena kumnyhadala kwaye abakhweli bazakonwatyiswa yimvumi uBethusile Mcinga ngethuba bekulo loliwe.
Umququzeleli oyintloko yalomnyhadala uMnu Luthando Bara uthe olubambiswano phakathi kwabo noPRASA yeyona nto yakhe yabalasela ukusukela oko wasekwayo. Ukubakho kwalo loliwe kwenza izinto zibelula kubantu abanomdla wokuba yinxalenye yalomnyhadala. Ngaxeshanye umphathi wakwaMetrorail eMpuma Kapa uMnu Terra Nongqongqo uthi, eli nyathelo lizakuncedisa ekuphuhliseni izinga lezokhenkentho kwiphondo.
Amatikiti alomnyhadala ayafumaneka eTicketpro, Spar nakwiPayzone ngemali engange R220. Abaxhasi bayacelwa ukuba bafike phambi kwemizuzu engamashumi amathathu yokunduluka kukaloliwe.
La ngamaxesha ahleliweyo alenkonzo.
EMonti – 10:00, Vincent 10:28, Mdantsane 10:53, Fort Jackson 11:00
@icamagunews