MDANTSANE — Uzuzole Goqwana noSinebhongo Qhase, abangabatyholwa kwityala lokubulawa kowayesakuba yintshatsheli yamanqindi, uZolani “Last Born” Tete, bavele phambi kweNkundla kaMantyi yaseMdantsane ngoLwesibini, umhla woku-1 kweyoMsintsi 2026, apho kuqhutywe khona isicelo sabo sebheyile.
UTete wadutyulwa wabulawa kwikhaya lakhe eNU17, eMdantsane, kwityala elithe latsala umdla woluntu.
UGoqwana noQhase bajongene nezityholo eziquka ukubulala, ukuzama ukubulala, iyelenqe lokubulala, ukubanjwa kompu ngokungekho mthethweni kwakunye nokubanjwa kweembumbulu ngokungekho mthethweni.
UGoqwana uxelele inkundla ukuba akazukuvuma ityala kwaye uza kuliphikisa ukuba eli tyala lingade liye kuxoxwa ngokupheleleyo enkundleni.
Kuxelwe ukuba uGoqwana wayenobudlelwane noThuliswa Potwana, owayesakuba ngumfazi kaTete, ngexesha ekwakusithiwa kwenziwa iyelenqe lokuzama ukubulala uGoqwana.
UGoqwana kuthiwa wadutyulwa ngeyeKhala ku2025, isiganeko esamshiya engakwazi ukuhamba kwaye ngoku esebenzisa isitulo esinamavili. Okwangoku ugcinwe eluvalelweni eWestbank Penitentiary.
Kwelinye icala, igqwetha elimele uSinebhongo Qhase, uAsanda Pakade, lixelele inkundla ukuba umxhasi walo akayingomntu onokubaleka ubulungisa xa enokunikwa ibheyile.
UPakade uthe uQhase unosapho ekufuneka alukhathalele kwaye nguye yedwa obonelela ngeemfuno zolo sapho.
Emva kokumamela iingxoxo ezimalunga nesicelo sebheyile, inkundla iye yarhoxisa yaza yayimisa kwakhona le nkqubo de kube ngumhla wesi-2 kweyoMsintsi 2026.
UGoqwana noQhase baza kubuyela kwakhona phambi kweNkundla kaMantyi yaseMdantsane ukuze kuqhutyekwe nesicelo sabo sebheyile.














