Inkundla yonyulo kweli isichithile isicelo sombutho i-African National Congress (ANC) sokuba i-IEC ibhangise ukubhaliswa ngokusesisikweni kombutho UMkhonto Wesizwe nokhokelwa ngulowo wayesakuba nguMongameli weli uMnu Jacob Zuma.
Evakalisa isigqibo Ujaji Lebogang Modiba uthe i-ANC mayizisole yona ngokukalandeli imiqathango ebekiweyo kwanethuba elimiselweyo ukuvakalisa izikhalazo zayo ngakubhaliso lombutho woMkhonto Wesizwe.
UJaji uthe inkundla yonyulo ayinamagunya okwazi ukuchophela isicelo seANC sokuba i-IEC mayiphinde isiqwalasele isigqibo sayo sokubhalisa UMkhonto Wesizwe ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeNkanga kunyaka ophelileyo.
UJaji uqhube wathi ukuba inkundla ibi nokungqinelana ne-ANC kwisicelo sayo lonto ibizakudala ukuba i-MK ingakwazi ukubhalisa elinye igama okanye umbutho omtsha ngenxa yokuphelelwa lixesha lokwenza oko. Ujaji uModiba uthe isicelo seANC siyachithwa.