23 KuTshazimpuzi 2026
UMongameli weli, uCyril Ramaphosa, ubhengeze ukumiselwa kukaLieutenant General Puleng Dimpane njengomPhathi obambeleyo weNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS), ngokukhawuleza. Oku kusemva kokuba ethe warhoxisa u-General Fannie Masemola ngethuba esajongene nezityholo ezinkundleni zamatyala
ULt-Gen Dimpane okwangoku usebenza njengeKhomishinari yoLawulo lwezeMali kwi-SAPS, kwaye unembali ende neqaqambileyo yomsebenzi wakhe ngaphakathi kwe-SAPS nakwamanye amaziko karhulumente.
Ukumiselwa kwakhe kulindeleke ukuba kuqinisekise uzinzo kunye nokuqhubeka kakuhle kwemisebenzi ngaphakathi kweli candelo lamapolisa ngeli xesha lokutshintsha kolawulo.













