NguLulama kaSozathini
USodolophu wesixeko esimbaxa iBuffalo City, uCeba Princess Faku namhlanje ubhengeze isongezelelo samalungu amatsha kwisigqeba sakhe solawulo. La malungu matsha nguCeba uMike Basopu kunye noCeba uAmanda Mnyute.
Ukutyunjwa kwalamalungu kulandela izithuba eziye zakhona emva kokushiya kukaCeba uHele-Neale May nokungoku nje olilungu lepalamente yesizwe. Esinye isithuba sadaleka emva kokubhubha kukaCeba uNtombikayise Tom. USodolophu uthe omabini lamalungu matsha anamava kwimiba yezolawulo watsho esithi okaBasophu ukhe walilungu lepalamente kwiphondo nakwilizwe jikelele. Ukanti uCeba uMnyute sele esebenzele isixeko iminyaka engaphezu kwishumi.
Ekwamkeleni kwakhe lamalungu uSodolophu uthe “lamalungu azibandakanye nebhunga kanye ngexesha elifanelekileyo. Andiyithandabuzi eyokuba omabini lamalungu azakuba negalelo elimandla kulawulo lwesixeko. Kusekuninzi ekufuneka wenziwa kwaye bazokuyitshaya isaqhuma “utshilo uFaku”.
@icamagunews