NguLulama kaSozathini
Ulibaziseko kwisikhululo seenqwelo moya iKing Phalo eMonti lushiye uninzi lulugcwabevu ngumsindo. Oku kusemva kwesibhengezo esenziwe yiAirports Company South Africa (ACSA) ngoLwesibini umhla wesibhozo kweyeDwarha, malunga nokuvala esi sikhululo okwethutyana kwinto abayichaze njengokudalwa yimeko yemozulu embi.
I-ACSA le ithi esi sikhululo sizakuvalwa ixesha elingachazangwa kwaye abasemagunyeni bazakuqhubeka nokuqaphela isimo. Le nkampani ikwacebise abakhweli ukuba bahlale bebaz’ indlebe kwiinkozo zenqwelo-ntaka abazisebenzisayo ngokuzakulandela. Ukanti lemeko ibikhe yehla kwinyanga yoMsintsi nalapho kuye kwacaphazeleka inkonzo yohambo ngeenqwelo-moya kwesi sikhululo.
Abakhweli baye bavakalisa ukungoneliseki kwabo kwabo kwikhasi lalenkampani elikwiqonga le ezonxibelelwano uFacebook. Uninzi lugxeka indlela lenkampani ewusingathe ngayo lomba ngeli lixa abanye besithi makuxelelwe abantu inyaniso baziswe ukuba izixhobo ezikwesi sikhululo ziphelelwe lixesha azisasebenzi kakuhle. Ukanti abanye bakhala ngomonakalo ozakwenzeka kuqoqosho lwephondo.
Isithethi seSebe leZothutho eMpuma-Kapa uMnu uNathi Binqose uthe bayayiqonda imeko yoxinzelelo abakhweli abazifumene bekuyo ngenxa yokurhoxiswa kweenkonzo kwesi sikhululo. Ukhuseleko yeyona nto ingundoqo kwaye lomba ungaphezulu kwamandla wethu kungago sibeka ithemba lethu kwiingcali ezikwinkonzo yophapho kweli ekufumaneni isisombululo kule nyewe “utshilo okaBinqose”