NguLulama kaSozathini
29 Tshazimpuzi 2025 – Emonti, eMzantsi Afrika — Uluntu luvuyisana noAmila Jimana (16) emva kokuchongwa kwakhe ukuba abe yinxalenye yeqela leXenon Festival Hockey eliza kuthatha inxaxheba kuhambo lwamazwe ngamazwe oluya kwilizwe laseNetherlands kweyeDwarha ku-2025.
Le tumente ixabisekileyo ixhaswa yiXenon Sports (PTY) Ltd ngokubambisana neSynsport Greg Beling & Tony Godding Hockey Festivals, emva kwemidlalo eyayibanjelwe eMonti kutsha nje. Uhambo olu lujolise ekunikeni abadlali abasebatsha amava akumgangatho ophezulu kwibhola yehoki kunye nase kuphuhliseni isakhono sabo. Ilizwe laseNetherlands, lelinye lawona mazwe aphambili emhlabeni kulomdlalo.
Uhambo olu luza kwenzeka ngexesha lweeholide zezikolo kweyeDwara 2025, kwaye luquka imidlalo emine (4) yehoki, ukujonga imidlalo emibini ye-Hoofdklasse (inqanaba eliphezulu lebhola yehoki eNetherlands), kunye nokhenketho kwizixeko ezahlukeneyo ezikwela lizwe.
I-Xenon Sports sele inamava ekuququzeleni oluhlobo lohambo, sele iye eNetherlands izihlandlo ezilishumi elinesihlanu (15) kule minyaka ilishumi idlulileyo.
Ukukhethwa kuka-Amila kukhomba elinye inyathelo elibalulekileyo kwikhondo lakhe lemidlalo, kwaye kuza kumvulela amathuba amatsha ekukhuleni nobuchule kwinqanaba lamazwe ngamazwe. Iindleko zokuba yinxalenye yalomsitho ziqikelelwa ku R58 000 umdlali ngamnye. Kungako usapho lwakhe lucela inkxaso kuluntu ukuzalisekisa iphupha leli tyendyana. Kucelwa wonke ubani ongathanda ukufaka isandla atsalele uNkosikazi Soso Jimana ku 083 593 2225. Ukanti umntu anganako nokufaka isandla kwi-akhawunti ka A. Jimana, Capitec Bank, 1691558468 okanye asebenzise le nombolo yomnxeba 0742868115.
Umntu ngumntu ngabantu!!
@icamagu news