Ngomhla we-07 eyeNkanga 2025,
NguMbhali weendaba: Icamagu News Reporter, Imifanekiso: Ithunyelwe
Kukho intlekele embi eyenzeke phakathi kweCofimvaba neNgcobo, kufuphi neForty Junction, apho abantu abathathu babhubhe khona, abanye abalishumi elinesine (14) balimele kakubi emva kokungqubana kweToyota minibus kunye neVW Polo ngoLwesihlanu.
Ngokwengxelo, iToyota minibus yayithwele abantu abali-14, kanti iVW Polo yayithwele abantu abahlanu. Ezi moto zibe zingqubana zisuka kumacala ahlukeneyo endleleni iR61.
Isithethi sikaMphathiswa wezothutho uMphathiswa uXolile Nqatha, uMnu. Makhaya Komisa, uqinisekisile ukuba:
“I-VW Polo ibithwele abantu abahlanu — amanina amathathu kunye namadoda amabini — besuka kwicala laseCofimvaba, ngelixa iToyota minibus ibithwele abantu abali-14 besuka kwicala laseNgcobo,” utshilo uKomisa.
Uqhubekile wathi:
“Abathathu ababekhwele iVW Polo babhubhe kwangoko kwindawo yesiganeko, njengoko kuqinisekiswe ngabaqhubi beenkonzo zoncedo olukhawulezileyo. Amadoda amabini, kubo kubandakanywa umqhubi wePolo, kunye nabathandathu ababesemotweni yeteksi, kuquka nomqhubi, bonzakele kakhulu kodwa hayi ngendlela eyingozi kakhulu.”
Kuthiwa abantu abasibhozo bonzakele kancinci. Bonke abalimeleyo babalekiselwe kwisibhedlele saseCofimvaba Provincial Hospital ukuze bafumane unyango olugqithisileyo.

UKomisa uthe kwakhona:
“Kukrokrelwa ukuba ukungakhathali kunye nokungahoyi mithetho yezendlela zizizathu zale ngozi.”
UMphathiswa uNqatha ukhuthaze abaqhubi ukuba bahloniphe imithetho yezendlela ukuze kuthintelwe iingozi ezinje. Uqhubeke esithi:
“Sidlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zabathe basishiya kulengozi iintliziyo zethu ezibuhlungu kwaye sinqwenelela bonke abalimeleyo ukuphila ngokukhawuleza.”
– Icamagu News














