ICAMAGU NEWS
Ngumhleli weendaba: Lulama kaSozathini
UMkomishinala obambeleyo weNkonzo yamaPolisa eMzantsi Afrika (SAPS), uLieutenant General Puleng Dimpane, usamkele isigwebo esinikwe amapolisa amabini awayesakuba ngamalungu eSAPS kunye namaqabane awo amathathu, agwetywe iminyaka eli-17 entolongweni ngenxa yorhwaphilizo nokuphazamisa ubulungisa.
Aba batyholwa bafunyenwe benetyala yiNkundla kaMantyi yasePinetown emva kokuba bazama ukungenelela kumangqina kwityala elibandakanya ukubulawa kukaThulani Nxumalo, owayengusihlalo wesebe le-ANC kunye nelungu leCommunity Policing Forum (CPF), owabulawa Kwandengezi kwiphondo iKwaZulu Natal ngo-2018.
Ukubulawa kukaNxumalo kwaphandwa liQela eliKhethekileyo lokuPhanda ukubulawa kwezopolitiko (Political Killings Task Team – PKTT).
Inkundla ive ubungqina obubhekisa kumapolisa amabini awayesakuba seSAPS, uSajini Bonginkosi Dlamini kunye noLieutenant Colonel Khepu Ndlovu, abasebenzisana nosibonda wengingqi, inkosikazi yayo kunye nonyana wayo, bezama ukunyanzela nokucenga amangqina ukuba anganiki bungqina obuchasene nabatyholwa kweli tyala lokubulala. Uphando lwatyhila ukuba la mapolisa mabini afumana imali engange-R120 000 ngenjongo yokuphazamisa inkqubo yobulungisa.
Ezi zenzo zathathwa njengenzame zokonakalisa ukuthembeka kwenkqubo yezobulungisa kweli lizwe.
Ngaphambili, usibonda wasekuhlaleni, uFelokwakhe Ndlovu, kunye nabanye ababini babefunyenwe benetyala lokubulala uNxumalo, baza bagwetywa ubomi entolongweni ngo-Okthobha ka-2024.
ULieutenant General Dimpane uthe esi sigwebo sithumela umyalezo ocacileyo wokuba nawuphi na umzamo wokuphazamisa amangqina okanye ukunqanda uphando awazukunyanyezelwa, nokuba umntu okwenze loo nto ukwisesiphi na isikhundla.
“SAPS izimisele ngokuqinileyo ukugcina umthetho kunye nokuqinisekisa ukuba amalungu ayo abandakanyeka kulwaphulo-mthetho ayaphenduliswa,” utshilo uDimpane.














