NguLulama kaSozathini
Kulindeleke omnye umnyinyiva kubaqhubi nanjengoko amaxabiso amafutha eenqwelo eza kwehla ukusukela ngoLwesithathu umhla wesibini kweyeDwarha. Lo mnyinyiva uchaphazela zonke iindidi zedizili kunye nepetroli. Ukanti nabo basenzisa iparaffin nabo bazakuxhamla.
Nangona zichulumancisa ezindaba kuninzi kubasebenzisi berhasi ziyincindi yekhala nanjengoko kulindeleke ukuba yona inyuke ngeesenti ezingamashumi amabini anesithathi (23 cents) kule nyanga. Oku kwehla kwamaxabiso kuvakaliswe lisebe lezimbiwa namandla ngoMvulo. La alandelayo ngamaxabiso azokwehla ngawo amafutha:
Petrol 93 (ULP & LRP): R1,06 ukwehla.
Petrol 95 (ULP & LRP): R1,14 ukwehla.
Diesel (0.05% sulphur): R1,14 ukwehla.
Diesel (0.005% sulphur): R1,12 ukwehla.
Illuminating Paraffin (wholesale): R1,11 Ukwehla.
Xa kungoku ilitha yepetroli u95 kwiphondo iGauteng yiR22,19 ngoku izokwehla ukuya ku R21,05. Kumaphondo agudl’ unxweme ilitha yepetrol u95 yiR21,40 ngoku izokwehla ukuya ku R20,26 ukusukela ngolwesithathu.
@icamagunews