Iwadi u33 yesixeko esimbaxa saseBuffalo City isematheni emva kokutyholwa kokuvotiswa kwabantu ngokuphindaphinda. Le Wadi nequka iThwecu, IGxethu, Phumlani, Welcomehood nezinye ikwiphulo lokonyula umgqatswa kwesobuCeba ukulungiselela unyulo langomhla wesine kweyeNkanga 2026.
Ukanti abahlali bakhalazela abathile kumbutho i-African National Congress (ANC) ngokuzama ukugxibha inkqubo yentando yesinininzi. Ngokwencwadi yesikhalazo ephuma kubahlali kutyholwa ngokuba kuvoto olwaluqhuba kwindawo yasePhumlani ngomhla wama 29 KweyeSilimela 2026 abantu bavota ngaphandle kukuqinisekisa oomazisi noluhlu lwabavoti. Kwa ababavoti banye badudulwa ngezithuthi ukuya kuvota kwenye indawo kubuqhetseba bokunyusa amanani kulowo unyeke isihlalo.
Izikhalazo zabahlali noninzi lwabo ingabaseGxethu zidale ukuba imiswe ngxi lenkqubo. Ukanti iinkokheli zombutho iANC azifumanekanga ukuze ziphawule, ngeli lixa abahlali befuna kuguzulwe abanye abakhokela lenkqubo.
@icamagunews














