NguLulama ka-Sozathini
25 uCanzibe 2024
Indoda engummi waseUganda igwetywe oodilika jele ababini emva kokubulala izithandani kwinto ethathwa njengempindezelo. USulaiman Kamya ominyaka ingamashumi mabini anesithoba (29) uzakuthothoza eziseleni ixesha elide ngesenzo sakhe.
Ngomhla wesine(4) kweyoMqungu ku 2019 amapolisa athi afumana iimizimba eluthuthu kaJoshua Mutaasa (38) nowakwakhe uRita (43) kwindawo yaseWildebeeslagte eNortham. Uphando lwabonisa ukuba esi sibini sihlaselwe salinyazwa ngesikhali esinobungozi ze emveni koko iimizimba yaso yatshiswa. Kwakulendawo kwabuye kwafunyaniswa ukuba isithuthi sabo sohlobo lweBMW emibala isilivere naso sibiwe.
Uphando lwakhokelela amapolisa eRustenburg kuMntla-Ntshona apho umrhanelwa wabanjwa khona. Umrhanelwa wafunyanwa nonomyayi wamaxhoba (cellphone), neempahla ezinegazi, ngeli lixa isithuthi safumaneka kwindawo ehlala izithuthi ezibu bugoxo sele sithyuthulwa silungiselwa ukuguqulwa. Wabanjwa kanjalo ke lo kaSulaiman kunye nobunye ubungqina neempahla zikamfi ezafunyanwa kuye.
uMkomishinala wamapolisa aseLimpompo uLieutenant General Thembi Hadebe, uncome umsebenzi omhle wabaphandi besebe lamapolisa aseNortham kwingingqi yaseWaterberg.
Umfanekiso: SAPS