19 EyoKwindla 2024
Ngu-Lulama ka-Sozathini
i-Arhente ejongene neendlela kweli i-South African National Road Agency (SANRAL) kulindeleke ukuba ityale imali engange billion ezimbini zeerandi kuMasipala i-Dr AB Xuma eMpuma-Kapa nezakujongana nokulungiswa kwendlela u-R61 kuleminyaka mithathu izayo.
I-arhente ithi iphumeze izigaba ezibini zomsebenzi ozakulungisa lendlela phakathi kwe All Saints ne Baziya kwanokuphucula umgama ophakathi kwe Qhumanco neNgcobo. Lomsebenzi uzakuquka ukuhlaziya iindlela, iibhulorho kwanokuphucula ukhuseleko lwezithuthi nabahambi ngeenyawo. Ukanti inkqubo yokufaka izicelo zeziniki maxabiso ivalwe ngomhla wesibhozo kule yoKwindla kwaye kulindeleke ukuba umsebenzi wonke uthathe iminyaka emithathu.

Isithethi sika SANRAL uNkosikazi Welekazi Ndika uthe kuzakusekwa ikomiti ezakuqinisekisa ukuba unxibelelwano luyenzeka kwaye nomsebenzi usekuhleni. Uqhube wathi lekomiti izaphinda iqinisekise ukuba uluntu olukufutshane luyaxhamla kumathuba omsebenzi kuquka amanina aselula, ulutsha, amagqala emfazwe nabantu abakhubazekileyo.