Umbhaleli wethu
Umfanekiso: SAPS
Amalungu egqiza lamapolisa elilwa nokubiwa kwemfuyo eKhowa aqhube amaphulo aliqela ayimpumelelo ekuzameni ukukhusela ukubiwa kwempahla emfutshane kumaphandle neefama zaseUgie eMpuma Kapa.
Iingxelo zithi kutsha nje eligqiza liye lahletyelwa ngomkhuba wokubiwa kweegusha kwindawo yaseCicirha kude kufutshane eUgie. Abakwantsasana baye balandela umkhondo obakhombe kwilali yakuMajaba kuTsolo. Ekufikeni kwawo amapolisa agagene nabarhanelwa abathathu ebebeqhuba iigusha edlelweni. Aba barhanelwa ababhungisanga bathulule irhuluwa kumapolisa ze nawo aphindisa, emveni koko bababeleka abasicatyana.
Ukanti amapolisa aye afumana iigusha ezilikhulu elinesithandathu (106) neziqikelelwa kwimali engange R 116 000.00. Iingxelo yamapolisa iqhuba ithi ezigusha beziphawuliwe kwaye ziza kubuyiselwa kubaninizo emva kwenkqubo yofaniso.