Ngabarhanelwa abane (4) abavele phambi kwenkundla kaMantyi yaseVredenburg eNtshona Kapa malunga nokunyamalala kwentombazana eneminyaka emithandathu uJoslin Smith. Phakathi kwabo bavele enkundleni ngu Jacquen Rowhan Appolis, Steven Dumazio van Rhyn, unina uRacquel Chantel Smith no Phumza Sigaqa.
https://youtu.be/donLnTn75cI?feature=shared
Ukanti esi sine sijongene namatyala okuthubelizisa abantu, kwanokuxhwila. Ityala liye larhoxiswa ukunika ithuba lokuba abarhanelwa bafake isicelo seBheyile. Ukanti ngaphandle kwalenkundla ibi yintlaninge yamatshantliziyo asekuhlaleni bambi bephethe amaphekepheke anobuso bale ntombazanyana. U-Joslin wanyamalala ngomhla weshumi elinesithoba kweyo-Mdumba nalapho wayephantsi konanakekelo lesinqanda mathe sikanina. Ukanti kusaphunywe iphulo kukhangelwa lentombazanyana.