NguLulama kaSozathini
Sekusele ubugoxo kuphela kwindawo yesikolo esibalulekileyo kwimbali yoMzantsi Afrika. IWelsh High School sesinye sezikolo zokuqala zabamnyama ngexesha labandlululo kwingingqi yeMonti neziphaluka. Esi sikolo sasitshatshele ngokufundisa ulwimi lwesiLatin nesingesi.
Esi sikolo sathi savelisa oosopolitiki, iinkokheli zeetyalike, osomashishini, ongqondongqondo kunye neentshatsheli kwezemidlalo. Phakathi koosopolitiki abafunda kwesi sikolo singabalula uMama uMagdalene Maggie Resha nongomnye wamanina abalasela kuqhankqalazo olalusiya ePitoli ngomnyaka ka1956. Ukanti eligqala lomzabalazo lathi lawongwa ngembasa iOrder of Luthuli ngurhulumente weli loMzantsi Afrika.
Isikolo iWelsh sathi savalwa ngo1971, yaze indawo yaso yathathwa yi-Ebenezer Majombozi High School, kwalandela iQaqamba High School kunye neSinovuyo High School nekungoku ezizinze kwizakhiwo zazo ezintsha. Owayasakuba ngumfundi kwesi sakhiwo uMnu Xolani Stemele uthi kuyacaca ukuba urhulumente khange abe nezicwangciso malunga nokuzakwenzeka kwisiza eso ukuphuma kwezi zikolo. Izaphuselane ke zibone ithuba lokuzityhuthulela kungako sele kungasekho kwanto kulendawo “uqhube watsho oka Stemele”.

Indawo le yesakhiwo imelene nesibhedlele iDuncan Village Day Hospital nesi setyenziswa luluntu lwale lokishi neendawo ezingqongileyo. Umama Nobuntu Sithonga noneshishini lokuthengisa phambi kwesi sibhedlele uthi oko kwatyhuthulwa esi sikolo kwafuduswa nabafundi akusekho shishino kulendawo kwaye ngoku boyikisela ukuba izihange ziza kuzifihla khona.
Akukacaci ukuba yintoni enye ezakuphinda yakhiwe kulendawo kwaye nesebe lemisebenzi kaRhulumente alifumanekanga ukuze liphawule. Okwangoku esi siza sesikolo sembali siyakuhlala sikulemeko yobugoxo.
@icamagunews