NguLulama kaSozathini
Iqela i-Ecomic Freedom Fighters (EFF) liyigxeke kanobom ikhabinethi ebhengezwe nguMongameli uCyril Ramaphosa. Lo mbutho ithi usamile kwelokuba okwenzekayo kweli lizwe asingorhulumente wobambiswano, koko yintsebenziswa yamaqela amabini. I-EFF ithi ikhabinethi ebhengezwe ngulo kaRamaphosa ikungqina mhlophe okokuba ngamampunge indaba yorhulumente wobambiswano (GNU), eliqela lithi isigqeba esibhengeziweyo ngumgidi nje weDemocratic Alliance kunye nombutho i-African National Congress (ANC).
I-EFF ithi iyakhwanqisa le yalekhabinethi enkulu kangaka nanjengoko izakudala ukuba abemi beli bahlawule irhafu ethe xhaxhe khona ukuze kujongwane neendleko zale khabinethi. Amanye amasebe akhokelwa ngontamo-lukhuni kwaye ukutyunjwa kwabo kuzakudala ukuba baqhubeke nomkhuba wabo wocalucalulo. Lo mbutho uqhuba uthi iANC iyityeshele kudala indima yayo kwanesiseko sokuba ngumbutho ozakukhulula abantu baseAfrika, xa kungoku iguquke yasi sixhobo sokusetyenziswa ngongxowa-nkulu.
I-EFF ikhala kakhulu ngamasebe afana neleZolimo, Ezorhwebo, Ezemali, Ezemfundo, Amandla kunye nophuhliso lweziseko ezingundoqo nathe abandakanya abeDA. Apho iDA iphethe khona iyaqinisekisa ukuba ijongana neemfuno zegcuntswana elingongxowa nkulu, ngoko ukuphatha kwabo lamasebe yilahleko enkulu kumzi ontsundu, “itshilo i-EFF.
Amanye amaqela akulento yolubambiswano afana nje nabantu abakhaphileyo nanjengoko ulawulo lukwiDA elawulwa ngokuxhaswa ngemali ngoogxowa-nkulu. I-EFF ihlaba ikhwelo kubemi beli ekubeni balwisane nento eliqela eliyibiza ngengcikivo yomntu omnyama. Lo mbutho uthe uzakuqhubeka nokuba ngumbutho ophikisayo ePalamente. Sizakuba yinto ibila kulamaqela mabini, kwaye sizakuqinisekisa ukuba asibalalisi ubuthongo obehlayo.
Ukanti lona iqela leANC kwincwadi eliyipapashele oonondaba lithe liyakwamnkela ukutyunjwa kwabaphathiswa abatsha. I-ANC icele bonke abakhethiweyo ukuba babhinqele phezulu ngokuthi bayitshaye isaqhuma ngoba abantu banxanelwe inguqu.
@icamagunews