02 uCanzibe 2024
NguLulama kaSozathini
Ibungumbodamo kwidolophu eziliqela kwiMpuma-Kapa emveni kokuba aboshishino lweetekisi bevakalise ukuvalwa ngxi kwentshukumo kwiindawo eziliqela zephondo. NgoLwesithathu uluntu luye lwakhwanqiswa ngumyalezo obujikeleza kumaqonga ezonxibelelwano nobuchaza ngoqhankqalazo oluhleliweyo apho oonotekisi bezamisa ngxi intshukumo zoluntu ngenxa yokungahlawulwa kwabo imali yothutho lwabantwana bezikolo lisebe lezothutho ephondweni. Lo myalezo uqhube wathi abantu mabangayi emisebenzini, kwanabantwana bangalibeki ezikolweni kuba kuzakube kungahambi zithuthi kwindawo eziliqela kwiphondo.
Izigrogriso eziye zavakala kumyalezo oshicilelweyo zibangele ukuba Isebe Lezemfundo ephondweni libhale incwadi yesiqhuphe eya kumaziko emfundo nalapho liye lawacela ukuba aqaphele isimo. Kwincwadi ebhalwe nguNkosikazi Maasdorp olibambela ntloko kwisebe, uthe izikolo maziqinisekise ukuba ubomi babantwana abubekwa esichengeni.

Ukanti isithethi sesebe lezothutho u-Unathi Bhinqose kwivididyo eschicilelweyo uthe inzame ziyenziwa ukuzamba ukusombululo ingxaki ebangelwa kukungahlawulwa kooSomatekisi. uBhinqose ubongoze ababandakanyekayo ukuba bangaqhubeki noqhankqalazo abalucebayo koko babuyele kwisithebe sengxoxo. Oonotekisi abangekahlawulwa bazakayifumana imali yabo zingaphelanga iveki ezimbini.
Isimbonono sesebe siye asananzwa nanjengoko ibungumbhodamo kwindawo eziliqela kwiphondo nalapho oonotekisi bebevala iindlela ngemiqobo. Ukanti umbutho i-South African National Taxi Council (SANTACO) uziguzule koluqhankqalazo watsho usithi wona awuzokuthatha nxaxheba konke-konke. Usihlalo walombutho ephondweni u-Bishop Yolelo uthe nangona beyiqonda ingxaki yokungahlawulwa kwemali zothutho lwabantwana bezikolo, bakholelwa ekubeni zikhona ezinye iindlela zokusombulula lenyewe. Uthe i-SANTACO izimisele ekuqinisekiseni ukhuseleko lwabakhweli kwindawo eziliqela zeli. Ukanti oomasipala abachaphazeleke ngamandla koluqhakqalazo yiBuffalo City, Great Kei, eNgqushwa, Mbhashe, eNgcobo noMthatha ukanti zikwabikiwe iziganeko nakuMasipala iSakhisizwe.

Indlela uR72 nexakeke kakhulu kuqoqoshe lwephondo iye yachaphazeleka ngamandla nanjengoko iloli ezithwala iimithwalo kuye kwanyezeleka ukuba ziphindele emva ngeli lixa ezinye ziye zasetyenziswa njengemiqobo ukuze zivale indlela. Amapolisa ebezizinxadanxada ecima iimililo ebaswe kwezinye iindlela zeli. Ukanti kuye kwakho neziganeko apho abaqhankqalazi beye bachithwa-chithwa khona ngeembumbulu zerabha nezintywizisi. Akukhange kubikwe zingxwelerha noko. Ngethuba sichicilela eli bali iinkokheli zalomgushuzo bezithe zikhwetywe lisebe kwintlanganiso engxamileyo akukacaci nokuba lusezakuqhuba na oluqhankqalazo okanye luzakumiswa kusini.
@icamagunews