Inkqubo yokubalwa kweevoti zoNyulo looRhulumente booMasipala luka-2026 iyaqhubeka kwilizwe liphela, nalapho sele kubalwe i-31% yeevoti kuzwelonke.
Ngokweenkcukacha ezikhutshwe yiKomishini yoNyulo eZimeleyo (IEC), kwiqonga layo elibonisa iziphumo zonyulo ngqo:
🔹 Izithili zokuvota: Sele kugqityiwe ukubalwa kweevoti kwizithili ezingama-7 418 kwezingama-23 696.
🔹 Iiwadi: Sele kugqityiwe ukubalwa kweevoti kwiiwadi ezingama-698 kwezingama-4 485.
🔹 Oomasipala: Sele kugqityiwe inkqubo yokubalwa kweevoti koomasipala abangama-39 kwabangama-213.
🔹 Izihlalo zooceba: Sele kwabiwe izihlalo ezingama-964 kwezingama-8 825.
Inkqubo yokubalwa kweevoti, ukufakwa kweziphumo kwinkqubo yekhompyutha kunye nokuqinisekiswa kwazo isaqhubeka kulo lonke eli loMzantsi Afrika.
IKomishini yoNyulo eZimeleyo (IEC) iyaqhubeka nomsebenzi wokuqinisekisa ukuba zonke iziphumo zonyulo zichanekile phambi kokuba zibhengezwe ngokusesikweni.
📡 Hlala unathi kwa-Icamagu News kunye ne-Icamagu Radio ukuze ufumane uhlaziyo lwamva nje ngeziphumo zonyulo luka-2026.
ICAMAGU NEWS – Apho Amazwi Oluntu Avakala Khona!














