NguLulama kaSozathini
Inkwenkwe ebonakala ihlukumeza uninakhulu kwividiyo ejikeleze amaqonga onxibelelwano ibanjiwe. Ngokwesithethi samapolisa uKheneli Andre Traut uthe umrhanelwa nowaziwa ngegama uLuvo Ngqaza ubanjwe ngobusuku bangoLwesithathu esekhayeni lakhe eWallacedene, eKraaifontein.
Amapolisa aseKraaifontein emva kokubona levidiyo aye avula ityala kubusuku bayizolo. Ukanti ixhoba kuvakala ukuba lisesibhedlele ngemeko engahlangenanga nokuxhatshazwa kwakhe ngumzukulwana. Ngokwamapolisa ixhoba lalile ukunikezela ngeenkcukacha ezigcweleyo malunga nokwenzekayo kulevidiyo.
Uphando lwamapolisa ludize ukuba esi siganeko sehla ngenyanga edlulileyo (KweyeSilimela) kwikhaya apho lenkondekazi ihlala khona. Kuvakala ukuba usapho lwathi lomba lizakuwusingatha ngokwalo kwaye alufuni ngenelelo lwabezomthetho. Emva kokujikeleza kwalevidiyo amapolisa aye abona ukuba inobuzaza lemeko aze avula ityala egameni lexhoba. Umrhanelwa nominyaka elishumi elinesithoba (19) kulindeleke ukuba avele kwindkundla yaseBlue Downs eKapa kungekudala.