NguLulama kaSozathini
Usuleleko lwentsholongwane kaGawulayo eMzantsi Afrika lwehlile ukusukela ku 14% ngomnyaka ka 2017 ukuya ku 12.7% ngomnyaka ka 2022 nekudale ukuba inani labantu abasulelekayo lehle ukusuka ku7.9 milliyoni (ngo2017) ukuya kutsho ku7.8 milliyoni (ngo2022)
Oku kuvele kwingxelo yeziphumo zophando ezenziwe libhunga lokuphanda ngezobunzululwazi kuluntu iHuman Science Research Council (HSRC). Lengxelo nebizwa ngokuba yiSouth African HIV Prevalence Incidence and Behaviour Survey (SABSSM) ithiwe thaca kwinkomfa elwisana noGawulayo kwiHlabathi ngoLwesithathu. Le ngxelo iqhuba ithi nangona kubonakala ukwehla kosululeleko kweli, abantu basetyhini bona basesegcakasini kule ntsholongwane. Usuleleko lwabasetyhini lukumyinge we16.4.% ngeli lixa amadoda eku 8.8%.
Ukanti nokwayamene nonyango Umzantsi Afrika uthe kratya ngamanani abantu abasebenzisa amachiza okudodobalisa esi sifo. Babalelwa ku 5Â 700 000 abantu abasebenzisa lamachiza nekuthe chatha ukusukela ku 4Â 500Â 000 ka 2017.
@icamagunews