NguLulama kaSozathini
Kulindeleke ukuba umdyarho oyimbalasane waseNtabozuko nowaziwa ngeBerlin November utsale umdla wabantu ngokuthe chatha kulonyaka. Ngosaziwayo abasibhozo abazikuqubisana ngamahashe abawachongileyo xa kuvalwa umdyarho wosuku.
Ingqonyela yalomdyarho uNkosazana Judy Ngoloyi uthi osaziwayo ngamananina amane kunye namadoda amane abazakukhuphisana ngamahashe abawachongileyo. La mahashe axhaswa ngabasaziwayo kulindeleke ukuba avale lomnyadala walomdyarho. Usaziwayo ngamnye uzakuba neqela lakhe elakhiwe lihashe, umbhexeshi walo kunye nalowo ungumnikazi walo. Eli candelo lalo mdyarho lihlelelwe ukulukuhla uluntu ukuze lube nesikhwele ze likwazi ukuza ngobuninzi kulomcimbi “utshilo okaNgoloyi”
Nanga amahashe atyunjiweyo kunye nosaziwayo abazakukhokela iqela elo:
- Betusile Mcinga
- Ihashe: Maxhob’ayakhawuleza
- Umbhexeshi: Lopez Magongo (Purple)
- Live Mabeqe
- Ihashe: Gqibintetho
- Umbhexeshi: Mathiso Gqibintentho (Pink)
- Nhunhuza
- Ihashe: Nhuza
- Umbhexeshi: Camagu Kanana (Blue)
- Mafa Bavuma
- Ihashe: (Lizakubuye Laziswe]
- Umbhexeshi: Mzuphela Godi (Lime)
- Lindo Mtangayi
- Ihashe: Sirayeli
- Umbhexeshi: Gibson George (Orange)
- Mntwan’omgquba
- Ihashe: Masigoduke
- Umbhexeshi: Xolani Matiwane (Yellow)
- Yolanda Mbolompo
- Ihashe: [Lizakubuye laziswe]
- Umbhexeshi: Saphumla Fiyo (Red)
- Ziyanda Tshangana
- Ihashe: Velabahleke
- Umbhexeshi: Amanda Peter (Green)
@icamagunews