umbhaleli wethu
Usana olunenyanga ezintandathu (6) luzelwe lufunyenwe lubhubhile emveni kokuba unina elushiye iintsuki ezimbini nomntwana ominyaka ilishumi elinesibini (12) waya kwiziyolo. Esi sihelegu sehle kwilokishi yaseAtok kwiphondo iLimpompo.
Kuvakala ukuba ekuseni ngoMgqibelo umhla weshumi elinesibini (12) kweyeDwarha ngezithuba zentsimbi yeshumi elinanye ebusuku amapolisa aye akhwetyelwa kwindawo yaseAtok eApel phantsi kwengingqi yaseSekhukhuni apho kufunyenwe khona umzimba wemveku. Uphando lufumanise ukuba unina womntwana umshiye ngentsimbi yesithoba kusasa (9am) ngomhla weshumi (10) kweyeDwarha nentombazana encinane.
Unina womntwana uye wakhangelwa wafunyanwa waze wavelelwa kungoku nje useziseleni kwaye ujongene namatyala aliqela. Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi wase Sekhukhuni namhlanje.
@icamagunews